Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 2:10-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Wathi, Ùcele into enzima; kodwa ke ukuba uthe wandibona ukususwa kwam kuwe, koba njalo, ukuba akuthanga undibone, akuyi kuba njalo.

11. Kwathi, besahamba, behamba bethetha, kwabonakala inqwelo yomlilo namahashe omlilo; yabahlula bobabini, wenyuka uEliya ngomoya ovuthuzayo, waya emazulwini.

12. UElisha ákukubona oko, wadanduluka, wathi, Bawo, bawo, nqwelo yokulwa yakwaSirayeli, nabamahashe ayo! Akaba sambona. Wazibamba ezakhe iingubo, wazikrazula zaziqwenga zibini;

13. wayichola ingubo enkulu kaEliya, eyayiwe kuye; wabuya, wafika wema elunxwemeni lweYordan.

14. Wayithabatha ingubo enkulu kaEliya, eyayiwe kuye, wabetha ngayo emanzini, wathi, Úphi na uYehova, uThixo kaEliya, yena kanye? Wabetha ke emanzini; ahluka, asinga ngapha nangapha; wawela uElisha.

15. Bambona oonyana babaprofeti ababeseYeriko malunga naye, bathi, Umoya kaEliya uhleli kuElisha. Baya kumkhawulela, baqubuda kuye.

16. Bathi kuye, Yabona, kukho kubakhonzi bakho amadoda amashumi mahlanu anobukroti; makhe aye kuyifuna inkosi yakho, ukuba uMoya kaYehova akayifukulanga na, wayiphosa entabeni ethile, nokuba kusemfuleni othile. Wathi, Musani ukuwathuma.

17. Bamjoka, wada waneentloni, wathi, Wathumeni. Bawathuma ke amadoda amashumi mahlanu; amfuna iintsuku ezintathu, akamfumana.

18. Abuya eza kuye; waye eseYeriko, wathi kuwo, Ndibe ndingatshongo na kuni ukuthi, Musani ukuya?

19. Athi amadoda aloo mzi kuElisha, Uyabona, ukuma kwalo mzi kuhle, njengoko ibonayo inkosi yethu; ke amanzi mabi, nalo mhlaba awuniki nto.

20. Wathi, Ndiziseleni isitya esitsha, nigalele ityuwa kuso.

21. Amzisela ke. Waphuma, waya apho aphuma khona amanzi, wayigalela kuwo ityuwa, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Ndiwaphilisile la manzi; akusayi kuba saphuma kufa kuwo, nakunganiki.

22. Aphila ke amanzi lawo unanamhla, ngokwelizwi likaElisha awalithethayo.

23. Wenyuka apho waya eBheteli. Uthe xa anyuka ngendlela, kwaphuma usapho lwamgculela, lwathi kuye, Nyuka, nkqayindini!

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 2