Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 2:14-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Wayithabatha ingubo enkulu kaEliya, eyayiwe kuye, wabetha ngayo emanzini, wathi, Úphi na uYehova, uThixo kaEliya, yena kanye? Wabetha ke emanzini; ahluka, asinga ngapha nangapha; wawela uElisha.

15. Bambona oonyana babaprofeti ababeseYeriko malunga naye, bathi, Umoya kaEliya uhleli kuElisha. Baya kumkhawulela, baqubuda kuye.

16. Bathi kuye, Yabona, kukho kubakhonzi bakho amadoda amashumi mahlanu anobukroti; makhe aye kuyifuna inkosi yakho, ukuba uMoya kaYehova akayifukulanga na, wayiphosa entabeni ethile, nokuba kusemfuleni othile. Wathi, Musani ukuwathuma.

17. Bamjoka, wada waneentloni, wathi, Wathumeni. Bawathuma ke amadoda amashumi mahlanu; amfuna iintsuku ezintathu, akamfumana.

18. Abuya eza kuye; waye eseYeriko, wathi kuwo, Ndibe ndingatshongo na kuni ukuthi, Musani ukuya?

19. Athi amadoda aloo mzi kuElisha, Uyabona, ukuma kwalo mzi kuhle, njengoko ibonayo inkosi yethu; ke amanzi mabi, nalo mhlaba awuniki nto.

20. Wathi, Ndiziseleni isitya esitsha, nigalele ityuwa kuso.

21. Amzisela ke. Waphuma, waya apho aphuma khona amanzi, wayigalela kuwo ityuwa, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Ndiwaphilisile la manzi; akusayi kuba saphuma kufa kuwo, nakunganiki.

22. Aphila ke amanzi lawo unanamhla, ngokwelizwi likaElisha awalithethayo.

23. Wenyuka apho waya eBheteli. Uthe xa anyuka ngendlela, kwaphuma usapho lwamgculela, lwathi kuye, Nyuka, nkqayindini!

24. Nyuka, nkqayindini! Wabheka ngasemva, walubona, waluqalekisa egameni likaYehova. Kwaphuma iibherekazi* zambini ehlathini, zabaqwenga abantwana abamashumi mané anababini kulo.

25. Wesuka khona, waya entabeni yeKarmele; wesuka khona, wabuyela kwaSamari.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 2