Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 19:10-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Nòtsho kuHezekiya, ukumkani wakwaYuda, ukuthi, Musa ukulukuhlwa nguThixo wakho, okholose ngaye wena, usithi, Ayisayi kunikelwa iYerusalem esandleni sokumkani waseAsiriya.

11. Uyabona, ùkuvile wena oko bakwenzáyo ookumkani baseAsiriya kumazwe onke, ukuba bawaphanzisa. Ùya kuhlangulwa na ke wena?

12. Oothixo beentlanga bazihlangula na ke ezo zàtshatyalaliswa ngoobawo: iGozan, neHaran, neRetsefe, nabase-Eden ababeseTelasare?

13. Uphi na ukumkani weHamati, nokumkani weArpadi, nokumkani womzi waseSefarvayim, neHena, neIva?

14. Wawathabatha uHezekiya amaphepha eencwadi ezandleni zabathunywa, wawalesa; wenyuka waya endlwini kaYehova, wawaneka uHezekiya phambi koYehova.

15. Wathandaza uHezekiya phambi koYehova, wathi, Yehova, Thixo wakwaSirayeli, ùhleli wena phakathi kweekerubhi,* unguye uThixo wena wedwa kwizikumkani zonke zehlabathi; wena uwenzile amazulu nehlabathi.

16. Thoba indlebe yakho, Yehova, uve; vula amehlo akho, Yehova, ubone; uweve amazwi kaSaneribhe, othumé ukungcikiva ngawo uThixo ophilileyo.

17. Okunene, Yehova, ookumkani baseAsiriya bazichithile iintlanga namazwe azo,

18. babanikela oothixo bazo emlilweni, kuba babengethixo, babengumsebenzi wezandla zomntu, umthi nelitye; babatshababalisa ke.

19. Ke ngoko, Yehova Thixo wethu, khawusisindise esandleni sakhe, zazi zonke izikumkani zehlabathi ukuba wena unguYehova uThixo wedwa.

20. Wathumela ke uIsaya, unyana ka-Amotse, kuHezekiya, esithi, Utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Okuthandazeleyo kum ngokubhekisele kuSaneribhe ukumkani waseAsiriya, ndikuvile.

21. Lilo eli ilizwi alithethileyo uYehova ngaye, Intombi eyintombi enguZiyon iyakudela, iyakugculela; intombi enguYerusalem ihlunguzela intloko emva kwakho.

22. Ngubani na lo ùmngcikivileyo, ùmnyelisileyo? Ngubani na lo umphakamisele izwi lakho, uwaphakamisele amehlo akho phezulu nje? NgoyiNgcwele wakwaSirayeli.

23. Ngabathunywa bakho ùyingcikivile iNkosi, wathi, Ngobuninzi beenqwelo zam zokulwa ndiqabele mna ezintlomeni zeentaba, emathambekeni eLebhanon; ndiyayigawula imisedare* yayo emide kakhulu, nemisipres* yayo enyuliweyo, ndifíke kweyokuphela indawo yayo yokulalisa, ehlathini lentsimi yayo echumayo.

24. Mna ndimbé ndasela amanzi abefudula engekho, ndayomisa ngeentende zeenyawo zam yonke imijelo yaseYiputa.

25. Akuvanga na? Kwakude ndakwenza oku, kwangemihla yamandulo ndakubumba. Ndikufikisile, kwenzeka ngoku, ukuba uyikhahlele phantsi imizi enqatyisiweyo, ibe yingxakangxaka yemiwewe.

26. Abemi bayo bánqumka izandla, baqhiphuka umbilini, badana, baba ngumfuno wasendle, nohlaza, utyani obuphezu kwendlu, isihumba engqoloweni ingekabi mvila.

27. Ke, ukuhlala kwakho, nokuphuma kwakho, nokungena kwakho, ndiyakwazi, nokuguguma kwakho ngam.

28. Ngenxa yokundigugumela kwakho, nangenxa yokutyesha kwakho okunyuke kweza ezindlebeni zam, ndiya kufaka ikhonkco lam empumlweni yakho, nomkhala wam emlonyeni wakho, ndikubuyise ngendlela oweza ngayo.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 19