Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 16:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngomnyaka weshumi elinesixhenxe kaPeka unyana kaRemaliya, waba ngukumkani uAhazi, unyana kaYotam, ukumkani wakwaYuda.

2. UAhazi ubeminyaka imashumi mabini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba neminyaka elishumi linamithandathu engukumkani eYerusalem.Akakwenza okuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wakhe, njengoDavide uyise.

3. Wahamba ngendlela yookumkani bakwaSirayeli; kananjalo wamcandisa emlilweni unyana wakhe, ngokwamasikizi eentlanga, awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.

4. Wabingelela, waqhumisela ezigangeni, nasezindulini, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza.

5. Kwaza kwenyuka uRetsin, ukumkani wakwa-Aram*, noPeka unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, beza kulwa eYerusalem; bamngqinga uAhazi, àbaba nako ukumeyisa.

6. Ngelo xesha uRetsin ukumkani wakwa-Aram wayibuyisela iElati kuma-Aram, wawagxotha amaYuda e-Elati. Eza ama-Aram e-Elati, ahlala khona unanamhla.

7. Wathumela abathunywa uAhazi kuTigelate-pilezere ukumkani waseAsiriya, wathi, Ndingumkhonzi wakho, ndingunyana wakho; nyuka uze kundisindisa esandleni sokumkani wakwa-Aram, nasesandleni sokumkani wakwaSirayeli, abandivunukeleyo.

8. UAhazi wayithabatha isilivere negolide eyafumanekayo endlwini kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani, wayithumela kukumkani waseAsiriya isisicengo.

9. Ukumkani waseAsiriya wamphulaphula; wenyuka ukumkani waseAsiriya waya eDamasko, wayithimba, wabafudusa abantu wabása eKiri, wambulala uRetsin.

10. Ukumkani uAhazi waya kumhlangabeza uTigelate-pilezere, ukumkani waseAsiriya, eDamasko. Wabona isibingelelo esiseDamasko. UAhazi ukumkani wayithumela imfano yesibingelelo eso, isilinganiso saso ngokusetyenzwa kwaso konke, ku-Uriya umbingeleli.

11. Wasakha ke isibingelelo u-Uriya umbingeleli, njengako konke abemthumele khona uAhazi ukumkani eDamasko. Wenjenjalo u-Uriya umbingeleli, wada wafika ukumkani uAhazi evela eDamasko.

12. Weza ukumkani evela eDamasko, wasibona ukumkani isibingelelo eso; wasondela ukumkani kuso isibingelelo, wenyuka waya kuso;

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 16