Wathumela abathunywa uAhazi kuTigelate-pilezere ukumkani waseAsiriya, wathi, Ndingumkhonzi wakho, ndingunyana wakho; nyuka uze kundisindisa esandleni sokumkani wakwa-Aram, nasesandleni sokumkani wakwaSirayeli, abandivunukeleyo.