Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 14:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngomnyaka wesibini kaYehohashe unyana kaYehowahazi, ukumkani wakwaSirayeli, waba ngukumkani uAmatsiya, unyana kaYowashe ukumkani wakwaYuda.

2. Ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mabini anesithoba engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYehowadan waseYerusalem.

3. Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova; kodwa akaba njengoDavide uyise; wenza njengako konke awakwenzayo uYowashe uyise.

4. Kodwa zona izigánga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezingangeni.

5. Wathi, bakuqiniseka ubukumkani esandleni sakhe, wababulala abakhonzi bakhe ababembulele ukumkani uyise.

6. Ke oonyana bababulali abo akababulalanga, njengoko kubhaliweyo encwadini yomyalelo kaMoses, apho uYehova wayewise umthetho wokuthi, Ooyise mabangabulawa ngenxa yoonyana, oonyana mabangabulawa ngenxa yooyise; elowo makabulawe ngesakhe isono.

7. Wawabulala amaEdom eSihlanjeni seTyuwa, ishumi lamawaka. Wayithimba ingxondorha ngokulwa; wathi igama layo yiYoketele unanamhla.

8. Waza uAmatsiya wathumela abathunywa kuYehohashe, unyana kaYehowahazi, unyana kaYehu, ukumkani wakwaSirayeli, esithi, Yiza siqwalaselane ngamehlo.

9. UYehohashe ukumkani wakwaSirayeli wathumela kuAmatsiya ukumkani wakwaYuda, wathi, Ikhakakhaka eliseLebhanon lathumela kumsedare* oseLebhanon, lisithi, Unyana wam mnike intombi yakho, ibe ngumkakhe. Ke irhamncwa laseLebhanon laliwela, lalibhuqa, ikhakakhaka elo.

10. Ùwabulele okunene amaEdom, yakuphakamisa intliziyo yakho; zuka ngaloo nto uhlale endlwini yakho. Yini na ukuba ufekethe ngobubi, uwe, wena namaYuda anawe?

11. Akaphulaphula uAmatsiya. Wenyuka ke uYehohashe ukumkani wakwaSirayeli; baqwalaselana ngamehlo, yena noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, eBhete-shemeshe eyeyakwaYuda.

12. Aqondiswa ke amaYuda ngamaSirayeli; yangulowo wasabela ententeni yakhe.

13. UYehohashe ukumkani wakwaSirayeli wambamba uAmatsiya ukumkani wakwaYuda, unyana kaYowashe, unyana ka-Ahaziya, eBhete-shemeshe, weza eYerusalem, waluqhekeza udonga lweYerusalem, wathabathela esangweni lakwaEfrayim, wesa esangweni lembombo, ikubhite* ezimakhulu mané.

14. Wayithabatha yonke igolide nesilivere, neempahla zonke ezafumanekayo endlwini kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani, nabazizibambiso; wabuyela kwaSamari.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 14