Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 11:4-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ngomnyaka wesixhenxe uYehoyada wathumela, wathabatha abathethelimakhulu basebancinithini nabasezigidimini, wabazìsa kuye endlwini kaYehova. Wabamisela umnqohiso, wabafungisa endlwini kaYehova, wababonisa unyana wokumkani.

5. Wabawisela umthetho, wathi, Yiyo le into eniya kuyenza: Isahlulo sesithathu kuni, bangénayo ngesabatha, sogcina isigxina sendlu yokumkani;

6. esinye isahlulo sesithathu sibe sesangweni laseSure; esinye isahlulo sesithathu sibe sesangweni emva kwezigidimi; nisigcine isigxina sendlu, nithintele.

7. Ke izahlulo ezibini phakathi kwenu nonke, niphumayo ngesabatha, zosigcina isigxina sendlu kaYehova kukumkani;

8. nimphahle ukumkani ngeenxa zonke, elowo eneentonga zakhe esandleni sakhe; athi ongene ezintlwini abulawe, nibe nokumkani ekuphumeni kwakhe nasekubuyeni kwakhe.

9. Benza ke abathetheli-makhulu ngako konke uYehoyada umbingeleli abewise umthetho ngako. Bathabatha elowo amadoda akhe, angénayo ngesabatha, kunye naphumayo ngesabatha, beza kuYehoyada umbingeleli.

10. Umbingeleli wabanika abathetheli-makhulu iintshuntshe namakhaka abe engawokumkani uDavide, abesendlwini kaYehova.

11. Zema izigidimi, saeso saba neentonga zaso esandleni saso, zathabathela kwiphiko lasekunene lendlu, zesa kwiphiko lasekhohlo lendlu, ngasesibingelelweni, ngasendlwini, ngeenxa zonke kukumkani.

12. Wamkhuphela phandle unyana wokumkani, wamfaka isithsaba wamnika nesingqiniso. Bamenza ukumkani, bamthambisa, babetha izandla, bathi, Makadle ubomi ukumkani!

13. Uthe uAtaliya, akusiva isandi sezigidimi nesabantu, waya kubo abantu endlwini kaYehova.

14. Wakhangela, nanko ukumkani emi endaweni ephakamileyo ngokwesiko, nabathetheli nabavutheli ngamaxilongo bengakukumkani; abantu bonke belizwe bevuya, bevuthela amaxilongo. Wazikrazula iingubo zakhe uAtaliya, wakhala wathi, Licebo!

15. UYehoyada umbingeleli wabawisela umthetho abathetheli-makhulu, abaveleli bempi leyo, wathi kubo, Mkhupheleni phandle phakathi kwezintlu; omlandelayo makabulawe ngekrele. Ngokuba ubesithi umbingeleli, makangabulawelwa endlwini kaYehova.

16. Bamkhwelela ngeenxa zombini. Waya endlwini yokumkani ngendlela yokungena kwamahashe, wabulawelwa khona.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 11