9. Ukumkanikazi wanika ukumkani ikhulu elinamanci amabini eetalente* zegolide, nasebulawini into eninzi kunene, namatye anqabileyo; akuzanga kube sabakho bulawu bungangobo, ukumkanikazi waseShebha wàbunika ukumkani uSolomon.
10. Kananjalo abakhonzi bakaHiram nabakhonzi bakaSolomon, abeza negolide bevela kwaOfire, beza nemialgumi* namatye anqabileyo.
11. Imialgumi leyo ukumkani wayenza izinyuko zendlu kaYehova, nezendlu yokumkani, neehadi, nemirhubhe yeemvumi; akuzanga kubonwe injalo ngaphambili ezweni lakwaYuda.
12. Ke ukumkani uSolomon wamnika ukumkanikazi waseShebha konke ukuthanda kwakhe awakucelayo; kukodwa khona awakuzìsayo kukumkani. Wajika ke waya ezweni lakhe, yena nabakhonzi bakhe.