Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 6:18-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Gxebe, uThixo angáde ahlale nabantu emhlabeni na? Yabona izulu, izulu lawo amazulu, alikulingene; hina ke, yona le ndlu ndiyakhileyo!

19. Noko ke kúnonelele ukuthandaza komkhonzi wakho nokutarhuzisa kwakhe, Yehova Thixo wam, ukuphulaphule ukumemelela nokuthandaza athandaza ngako umkhonzi wakho phambi kwakho;

20. ukuba amehlo akho akhangele kule ndlu imini nobusuku, kwindawo othe ùya kulibeka kuyo igama lakho, uphulaphule umthandazo athandaza ngawo umkhonzi wakho kule ndawo.

21. Phulaphula ukutarhuzisa komkhonzi wakho, nabantu bakho amaSirayeli, abaya kuthandaza ngako kule ndawo; uve ke wena endaweni ohlala kuyo emazulwini, uve ke, uxolele.

22. Xa athe umntu wona ummelwane wakhe, wathwaliswa isifungo, wafungiswa, weza wafunga phambi kwesibingelelo sakho kule ndlu:

23. yiva ke wena emazulwini, wenze ugwebe kubakhonzi bakho, umbuyisele ongendawo, uyibeke indlela yakhe entlokweni yakhe; umgwebele olilungisa, umnike ngokobulungisa bakhe.

24. Ukuba bathe abantu bakho amaSirayeli boyiswa ziintshaba zabo kuba bekonile, baza babuya balivuma igama lakho, bathandaza, batarhuzisa phambi kwakho kule ndlu:

25. yiva ke wena emazulwini, usixolele isono sabantu bakho amaSirayeli, ubabuyisele emhlabeni owawunika bona nooyise.

26. Xa lithe izulu lavalwa, akwabakho mvula kuba bekonile, baza bathandaza bekule ndawo, balivuma igama lakho, babuya esonweni sabo, ngokuba ubacinezele:

27. yiva ke wena emazulwini, usixolele isono sabakhonzi bakho, abantu bakho amaSirayeli, ngokuba ubafundisa indlela elungileyo abaya kuhamba ngayo, unise imvula ezweni lakho, olinike abantu bakho ukuba libe lilifa.

28. Xa kuthe kwabakho indlala elizweni, xa kuthe kwabakho indyikitya yokufa, xa kuthe kwabakho imbabala, nexoshomba, neenkumbi ezinqunquthayo; xa zithe iintshaba zabangqinga elizweni, emizini yabo; nokuba sisiphi isibetho, nokuba sisiphi isifo esithe sabakho;

29. ukuthandaza nokutarhuzisa nokuba kukuphi, okuthe kwenziwa ngubani, nokuba ngabantu bakho bonke amaSirayeli, abathe basazi elowo isibetho sakhe, nesingqala sakhe, bazolulela kule ndlu izandla zabo;

30. yiva ke wena emazulwini, endaweni ohlala kuyo, uxolele, umnike elowo ngokweendlela zakhe zonke, ngokuyazi kwakho intliziyo yakhe (ngokuba nguwe wedwa ozaziyo iintliziyo zoonyana babantu);

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 6