Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 36:14-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Kananjalo bonke abathetheli bababingeleli nabantu bandisa ukwenza ubumenemene ngokwamasikizi onke eentlanga; bayenza inqambi indlu kaYehova, awayingcwalisayo eYerusalem.

15. UYehova, uThixo wooyise, wathumela kubo ngabathunywa bakhe, wanyameka ukuthumela; ngokuba wayenemfesane ngabantu bakhe, nekhaya lakhe.

16. Baye bebagculela abathunywa bakaThixo, bewadela amazwi akhe, bebagxeka abaprofeti bakhe, bada benyuka ubushushu bukaYehova, beza kubantu bakhe, kwada akwabakho mpilo.

17. Wabanyusela ukumkani wamaKaledi; wawabulala amadodana abo ngekrele endlwini yabo engcwele, àkaconga ndodana nantombi, nandoda inkulu naxhego; bonke wabanikela esandleni sakhe.

18. Zonke iimpahla zendlu kaThixo, ezinkulu nezincinane, nobuncwane bendlu kaYehova, nobuncwane bokumkani, nobabathetheli bakhe, zonke ezo zinto wazisa eBhabheli.

19. Bayitshisa indlu kaThixo, baludiliza udonga lwaseYerusalem, bawatshisa ngomlilo onke amabhotwe ayo; bazitshabalalisa zonke iimpahla zayo ezinqwenelekayo.

20. Wabafudusela eBhabheli abasindileyo ekreleni; baba ngabakhonzi kuye nakoonyana bakhe, bada bangena ubukumkani bamaPersi;

21. ukuba lizaliseke ilizwi likaYehova ngomlomo kaYeremiya, lide ilizwe lanele ziisabatha zalo; ngayo yonke imihla yokuba senkangala kwalo, laphumla, ukuba kuzaliswe iminyaka emashumi asixhenxe.

22. Ke kaloku ngowokuqala umnyaka kaKoreshi, ukumkani wasePersi, ukuze kuzaliseke ilizwi likaYehova ngomlomo kaYeremiya, uYehova wawuxhokonxa umoya kaKoreshi ukumkani wasePersi, wahambisa izwi ebukumkanini bakhe bonke, walibhala esithi,

23. Utsho uKoreshi ukumkani wasePersi ukuthi, Zonke izikumkani zehlabathi uzinike mna uYehova, uThixo wamazulu. Yena undiyalele ukuba ndimakhele indlu eYerusalem ekwaYuda. Ubani ophakathi kwenu ebantwini bakhe bonke, uYehova uThixo wakhe makabe naye, anyuke.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 36