Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 34:29-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Wathumela ukumkani, kwahlanganiswa onke amadoda amakhulu akwaYuda neYerusalem.

30. Wenyuka ukumkani waya endlwini kaYehova, namadoda onke akwaYuda, nabemi baseYerusalem, nababingeleli, nabaLevi, nabantu bonke, kwathabathela komkhulu kwesa komncinane. Wawalesela ezindlebeni zabo onke amazwi encwadi yomnqophiso, eyafunyanwa endlwini kaYehova.

31. Wema ukumkani phezu kwendawo yakhe ephakamileyo, wenza umnqophiso phambi koYehova wokulandela uYehova nokugcina imithetho yakhe, nezingqino zakhe, nemimiselo yakhe, ngentliziyo yakhe yonke, nangomphefumlo wakhe wonke, ukuba enze amazwi aloo mnqophiso abhaliweyo kule ncwadi.

32. Wabamisa kuwo bonke abafumanekáyo eYerusalem nakwaBhenjamin. Abemi baseYerusalem benza ke ngokomnqophiso kaThixo, uThixo wooyise.

33. UYosiya wawasusa onke amasikizi emazweni onke, angawoonyana bakaSirayeli, wabakhonzisa bonke abafumanekáyo kwaSirayeli, ukuba bakhonze uYehova uThixo wabo. Àbatyekanga ekumlandeleni uYehova, uThixo wooyise yonke imihla yakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 34