UYosiya wawasusa onke amasikizi emazweni onke, angawoonyana bakaSirayeli, wabakhonzisa bonke abafumanekáyo kwaSirayeli, ukuba bakhonze uYehova uThixo wabo. Àbatyekanga ekumlandeleni uYehova, uThixo wooyise yonke imihla yakhe.