Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 34:25-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. ngethuba lokuba bandishiyáyo, baqhumisela thixweni bambi, ukuze bandiqumbise ngomsebenzi wonke wezandla zabo; ngoko bophalazwa ke ubushushu bam kule ndawo, bungabi nakucinywa.

26. Ke kukumkani wakwaYuda, onithume ukuba nibuzise kuYehova, nòtsho kuye ukuthi, Útsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Okwalá mazwi uwavileyo,

27. ngokokuba ibithambile intliziyo yakho, wasuka wazithoba ebusweni bukaThixo ekuweveni kwakho amazwi akhe, malunga nale ndawo nabemi bayo; wazithoba phambi kwam, wazikrazula iingubo zakho, walila phambi kwam: nam ndikuvile; utsho uYehova.

28. Uyabona, ndiya kukuhlanganisela kooyihlo, uhlanganiselwe engcwabeni lakho unoxolo, angabuboni amehlo akho bonke ububi, endiyizisela bona le ndawo, nabemi bayo.Bambuyisela ke ilizwi ukumkani.

29. Wathumela ukumkani, kwahlanganiswa onke amadoda amakhulu akwaYuda neYerusalem.

30. Wenyuka ukumkani waya endlwini kaYehova, namadoda onke akwaYuda, nabemi baseYerusalem, nababingeleli, nabaLevi, nabantu bonke, kwathabathela komkhulu kwesa komncinane. Wawalesela ezindlebeni zabo onke amazwi encwadi yomnqophiso, eyafunyanwa endlwini kaYehova.

31. Wema ukumkani phezu kwendawo yakhe ephakamileyo, wenza umnqophiso phambi koYehova wokulandela uYehova nokugcina imithetho yakhe, nezingqino zakhe, nemimiselo yakhe, ngentliziyo yakhe yonke, nangomphefumlo wakhe wonke, ukuba enze amazwi aloo mnqophiso abhaliweyo kule ncwadi.

32. Wabamisa kuwo bonke abafumanekáyo eYerusalem nakwaBhenjamin. Abemi baseYerusalem benza ke ngokomnqophiso kaThixo, uThixo wooyise.

33. UYosiya wawasusa onke amasikizi emazweni onke, angawoonyana bakaSirayeli, wabakhonzisa bonke abafumanekáyo kwaSirayeli, ukuba bakhonze uYehova uThixo wabo. Àbatyekanga ekumlandeleni uYehova, uThixo wooyise yonke imihla yakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 34