Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 34:20-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Ukumkani wabawisela umthetho ooHilekiya, noAhikam unyana kaShafan, noAbhedon unyana kaMika, noShafan umbhali, noAsaya umkhonzi wokumkani, esithi,

21. Yiyani nibuzise kuYehova ngenxa yam, nangenxa yamasalela akwaSirayeli nakwaYuda, malunga namazwi ale ncwadi ifunyenweyo; ngokuba bukhulu ubushushu bukaYehova, obuphalazelwe phezu kwethu, ngenxa enokuba oobawo bengaligcinanga ilizwi likaYehova, ukuba benze njengoko konke kubhaliweyo kule ncwadi.

22. Waya ke uHilekiya nabakwakumkani kuHulida umprofetikazi, umkaShalum unyana kaTokeha, unyana kaHasera, umgcini-ngubo; waye yena ehleli eYerusalem kwesesibini isahlulo sayo. Bathetha kuye ngolo hlobo.

23. Wathi kubo, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Nòthi kuloo ndoda inithumileyo kum,

24. Útsho uYehova ukuthi, Yabona ndiyizisela le ndawo nabemi bayo ububi, zonke iziqalekiso ezibhaliweyo encwadini, abayilesileyo phambi kokumkani wakwaYuda;

25. ngethuba lokuba bandishiyáyo, baqhumisela thixweni bambi, ukuze bandiqumbise ngomsebenzi wonke wezandla zabo; ngoko bophalazwa ke ubushushu bam kule ndawo, bungabi nakucinywa.

26. Ke kukumkani wakwaYuda, onithume ukuba nibuzise kuYehova, nòtsho kuye ukuthi, Útsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Okwalá mazwi uwavileyo,

27. ngokokuba ibithambile intliziyo yakho, wasuka wazithoba ebusweni bukaThixo ekuweveni kwakho amazwi akhe, malunga nale ndawo nabemi bayo; wazithoba phambi kwam, wazikrazula iingubo zakho, walila phambi kwam: nam ndikuvile; utsho uYehova.

28. Uyabona, ndiya kukuhlanganisela kooyihlo, uhlanganiselwe engcwabeni lakho unoxolo, angabuboni amehlo akho bonke ububi, endiyizisela bona le ndawo, nabemi bayo.Bambuyisela ke ilizwi ukumkani.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 34