Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 24:5-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Wabahlanganisa ababingeleli nabaLevi, wathi kubo, Phumani niye emizini yakwaYuda, nibuthe imali kumaSirayeli onke, yokuyihlaziya indlu kaThixo wenu iminyaka ngeminyaka; yikhawuleziseni loo nto. Ke abaLevi abayikhawulezisanga.

6. Ukumkani wambiza uYehoyada umbingeleli omkhulu, wathi kuye, Yini na ukuba ungabaveleli abaLevi, bayizise irhafu kumaYuda naseYerusalem, ngokomyalelo kaMoses, umkhonzi kaYehova, nowebandla lamaSirayeli, ngenxa yentente yesingqiniso?

7. (Ngokuba uAtaliya, laa mfazi ungendawo, noonyana bakhe, babeyigqobhozile indlu kaThixo; kananjalo zonke izinto ezingcwele zendlu kaYehova babezenze ezooBhahali.*)

8. Wathi ukumkani, mabenze umkhombe, bawubeke esangweni lendlu kaYehova ngaphandle.

9. Bathumela ilizwi kwaYuda naseYerusalem, ukuba kuziswe kuYehova irhafu eyamiswa nguMoses umkhonzi kaThixo, phezu kwamaSirayeli entlango.

10. Bavuya bonke abathetheli, nabantu bonke; bayizisa, bayiphosa emkhombeni wada wazala.

11. Kwathi ke ngexesha lokuziswa komkhombe ngesandla sabaLevi kubaveleli bokumkani, bakubona ukuba ininzi imali, weza umbhali wokumkani, nomveleli wombingeleli omkhulu, bayikhupha imali esemkhombeni, baza bawuthwala, bawubuyisela endaweni yawo. Benjenjalo imihla ngemihla, bahlanganisa imali yaninzi.

12. Ukumkani noYehoyada bayinikela kubenzi bomsebenzi wenkonzo endlwini kaYehova; bona baqesha abaxholi bamatye neengcibi zemithi, ukuba bayihlaziye indlu kaYehova; neengcibi zesinyiti, nezobhedu; ukuba zilungise indlu kaYehova.

13. Basebenza ke abenzi bomsebenzi; wenyuka umsebenzi wokuyihlaziya ezandleni zabo; bayimisa indlu kaThixo, yazinziswa, yazinyaswa.

14. Bakuyigqiba, bayizisa imali eseleyo phambi kokumkani noYehoyada, benza ngayo iimpahla zendlu kaYehova, iimpahla zokulungiselela, nezamadini anyukayo, neenkamba, neempahla zegolide nezesilivere. Baye benyusa amadini anyukayo endlwini kaYehova ngamaxesha onke, yonke imihla kaYehoyada.

15. Ke uYehoyada wayeseleyingwevu, ehambisekile ebudaleni, ukufa kwakhe. Ebeminyaka ilikhulu linamanci mathathu ezelwe, ukufa kwakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 24