Wabahlanganisa ababingeleli nabaLevi, wathi kubo, Phumani niye emizini yakwaYuda, nibuthe imali kumaSirayeli onke, yokuyihlaziya indlu kaThixo wenu iminyaka ngeminyaka; yikhawuleziseni loo nto. Ke abaLevi abayikhawulezisanga.