Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 19:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wabuya uYehoshafati ukumkani wakwaYuda, waya endlwini yakhe eYerusalem enoxolo.

2. Waphuma uYehu, unyana kaHanani, imboni, esiya kumkhawulela. Wathi kukumkani uYehoshafati, Kukuthini na ukuba uncede ongendawo, ubathande abathiyi bakaYehova? Kungoko bugalelekileyo kuwe uburhalarhume obuphuma kuYehova.

3. Noko kambe kukho izinto ezintle ezifumanekileyo kuwe; ngokuba ubatshisile ooAshera* ezweni, wayisingisela intliziyo yakho ekumquqeleni uThixo.

4. Wahlala uYehoshafati eYerusalem; wabuya waphuma, wahamba phakathi kwabantu, wathabathela eBher-shebha wesa ezintabeni zakwaEfrayim, wababuyisela kuYehova, uThixo wooyise.

5. Wamisa abagwebi ezweni, emizini yonke yakwaYuda enqatyisiweyo, kwimizi ngemizi.

6. Wathi kubagwebi, Kulumkeleni enikwenzayo; ngokuba àkungenxa yomntu ukugweba kwenu, kungenxa kaYehova; unáni ke emcimbini wokugweba.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 19