Waphuma uYehu, unyana kaHanani, imboni, esiya kumkhawulela. Wathi kukumkani uYehoshafati, Kukuthini na ukuba uncede ongendawo, ubathande abathiyi bakaYehova? Kungoko bugalelekileyo kuwe uburhalarhume obuphuma kuYehova.