1. Wabuya uYehoshafati ukumkani wakwaYuda, waya endlwini yakhe eYerusalem enoxolo.
2. Waphuma uYehu, unyana kaHanani, imboni, esiya kumkhawulela. Wathi kukumkani uYehoshafati, Kukuthini na ukuba uncede ongendawo, ubathande abathiyi bakaYehova? Kungoko bugalelekileyo kuwe uburhalarhume obuphuma kuYehova.
3. Noko kambe kukho izinto ezintle ezifumanekileyo kuwe; ngokuba ubatshisile ooAshera* ezweni, wayisingisela intliziyo yakho ekumquqeleni uThixo.