Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 16:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngomnyaka wamashumi omathathu anesithandathu wobukumkani buka-Asa, wenyuka uBhahesha ukumkani wamaSirayeli, esiza kulwa namaYuda; wayakha iRama, ukuze angavumi ukuba kuphume bani aye kuAsa ukumkani wakwaYuda.

2. Wayirhola ke uAsa isilivere negolide ebuncwaneni bendlu kaYehova, nobendlu yokumkani, wazithumela kuBhenhadade ukumkani wama-Aram,* ohleli eDamasko, esithi,

3. Kukho umnqophiso phakathi kwam nawe, phakathi kobawo noyihlo; nanko ndikuthumele isilivere negolide; yiya uwaphule umnqophiso wakho noBhahesha ukumkani wamaSirayeli, ukuba emke kum.

4. UBhen-hadade wamphulaphula ukumkani uAsa, wathumela abathetheli bempi abenabo emizini yakwaSirayeli, wayithimba i-Iyon, nowakwaDan, neAbhele-mayim, nemizi yonke engoovimba yakwaNafetali.

5. Kwathi, akuva uBhahesha, wayeka ukuyakha iRama, wawuyeka umsebenzi wakhe.

6. UAsa ukumkani wawathabatha onke amaYuda; awasusa amatye eRama, nemithi yayo, awayesakha ngayo uBhahesha; wákha ke ngayo iGebha neMizpa.

7. Ngelo xesha uHanani, imboni, weza kuAsa, ukumkani wamaYuda, wathi kuye, Ekubeni wayama kukumkani wama-Aram, akwayama kuYehova uThixo wakho, ngoko ke iphulukile esandleni sakho impi yokumkani wama-Aram.

8. AmaKushi namaLubhi abengeyeyona impi ininzi, enento eninzi kunene yeenqwelo zokulwa nabamahashe? Ukanti ngokuba wayama kuYehova, anikelwa esandleni sakho.

9. Ngokuba uYehova, amehlo akhe asingasinga ehlabathini lonke, ukuba azomelezele abantliziyo ziphelele kuye. Wenza ubudenge ngale nto; ngokuba kususela ngoku wòba neemfazwe.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 16