Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 12:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi bakubon' ukuba buzinzile ubukumkani bukaRehabheham, ákomelela, wawushiya umyalelo kaYehova, namaSirayeli onke kunye naye.

2. Kwathi, ngomnyaka wesihlanu wokumkani uRehabheham, kwenyuka uShishaki ukumkani waseYiputa, wayingenela iYerusalem, ngokuba bebemenezile kuYehova;

3. enewaka elinamakhulu amabini eenqwelo zokulwa, namawaka angamashumi omathandathu abamahashe, nabantu abangenakubalwa, abaphuma naye eYiputa, amaLubhi, namaSuki, namaKushi.

4. Wayithimba imizi enqatyisiweyo ekwaYuda, wafika naseYerusalem.

5. Weza uShemaya umprofeti kuRehabheham, nakubathetheli bakwaYuda ababehlanganisene eYerusalem ngenxa kaShishaki, wathi kubo, Utsho uYehova ukuthi, Nina nandishiya, nam ndinishiyile, ndaninikela esandleni sikaShishaki.

6. Bazithoba abathetheli bamaSirayeli nokumkani, bathi, Úlilungisa uYehova.

7. Akubona uYehova ukuba bazithobile, lafika ilizwi likaYehova kuShemaya, lisithi, Bazithobile; andiyi kubonakalisa; ndiya kubanika ukusinda ixeshana, bungàthululelwa ubushushu bam eYerusalem ngesandla sikaShishaki.

8. Noko boba ngabakhonzi kuye, ukuze bayazi inkonzo yam, nenkonzo yezikumkani zamazwe.

9. Wenyuka ke ukumkani waseYiputa, wafika walwa neYerusalem, wabuthabatha ubuncwane bendlu kaYehova, nobuncwane bendlu yokumkani; wabuthabatha bonke; wazithabatha iingweletshetshe zegolide awazenzayo uSolomon.

10. Ukumkani uRehabheham wenza iingweletshetshe zobhedu esikhundleni sazo, waziphathisa abathetheli bezigidimi, ezibe zigcina umnyango wendlu yokumkani.

11. Ubesakuthi akungena ukumkani endlwini kaYehova, zize izigidimi ezo ziziphéthe, zize zizibuyisele egumbini lezigidimi.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 12