Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 11:18-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Ke kaloku uRehabheham wazeka uMahalati, intombi kaYerimoti unyana kaDavide, noAbhihayile, intombi kaEliyabhi unyana kaYese;

19. wamzalela oonyana: ooYehushe, noShemariya, noZaham.

20. Emva kwakhe wazeka uMahaka intombi ka-Abhisalom; wamzalela uAbhiya, noAtayi, noZiza, noShelomiti.

21. URehabheham wathanda uMahaka intombi ka-Abhisalom, ngaphezu kwabafazi bakhe bonke namashweshwe akhe (ngokuba ubenabafazi abalishumi elinesibhozo, namashweshwe angamashumi amathandathu; wazala oonyana abamashumi mabini anesibhozo, neentombi ezimashumi mathandathu).

22. URehabheham wamisa uAbhiya unyana kaMahaka, ukuba abe yinkulu, abe yingànga phakathi kwabazalwana bakhe; ngokuba ubecinga ukumenza ukumkani.

23. Wenza ngenqondo, wabathi saa oonyana bakhe bonke emazweni onke akwaYuda nakwaBhenjamin, emizini yonke enqatyisiweyo, wabanika ukudla okuninzi, wabafunela into eninzi yabafazi.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 11