Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 11:16-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Emva kwabo ke, ezizweni zonke zakwaSirayeli, bathi abazinikeláyo iintliziyo zabo ukumquqela uYehova uThixo kaSirayeli, beza kubingelela eYerusalem kuYehova, uThixo wooyise.

17. Babuzinzisa ubukumkani bukaYuda, bamomeleza uRehabheham unyana kaSolomon iminyaka emithathu; ngokuba bahamba ngendlela kaDavide noSolomon iminyaka emithathu.

18. Ke kaloku uRehabheham wazeka uMahalati, intombi kaYerimoti unyana kaDavide, noAbhihayile, intombi kaEliyabhi unyana kaYese;

19. wamzalela oonyana: ooYehushe, noShemariya, noZaham.

20. Emva kwakhe wazeka uMahaka intombi ka-Abhisalom; wamzalela uAbhiya, noAtayi, noZiza, noShelomiti.

21. URehabheham wathanda uMahaka intombi ka-Abhisalom, ngaphezu kwabafazi bakhe bonke namashweshwe akhe (ngokuba ubenabafazi abalishumi elinesibhozo, namashweshwe angamashumi amathandathu; wazala oonyana abamashumi mabini anesibhozo, neentombi ezimashumi mathandathu).

22. URehabheham wamisa uAbhiya unyana kaMahaka, ukuba abe yinkulu, abe yingànga phakathi kwabazalwana bakhe; ngokuba ubecinga ukumenza ukumkani.

23. Wenza ngenqondo, wabathi saa oonyana bakhe bonke emazweni onke akwaYuda nakwaBhenjamin, emizini yonke enqatyisiweyo, wabanika ukudla okuninzi, wabafunela into eninzi yabafazi.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 11