Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 11:14-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Ngokuba abaLevi bawashiya amadlelo abo, nemfuyo yabo, beza kwaYuda naseYerusalem; ngokuba uYarobheham noonyana bakhe babebakhuphile, ukuba bangabi ngababingeleli kuYehova;

15. wazimisela ababingeleli bezigánga, nabamaxhonti, nabamathole awawenzáyo.

16. Emva kwabo ke, ezizweni zonke zakwaSirayeli, bathi abazinikeláyo iintliziyo zabo ukumquqela uYehova uThixo kaSirayeli, beza kubingelela eYerusalem kuYehova, uThixo wooyise.

17. Babuzinzisa ubukumkani bukaYuda, bamomeleza uRehabheham unyana kaSolomon iminyaka emithathu; ngokuba bahamba ngendlela kaDavide noSolomon iminyaka emithathu.

18. Ke kaloku uRehabheham wazeka uMahalati, intombi kaYerimoti unyana kaDavide, noAbhihayile, intombi kaEliyabhi unyana kaYese;

19. wamzalela oonyana: ooYehushe, noShemariya, noZaham.

20. Emva kwakhe wazeka uMahaka intombi ka-Abhisalom; wamzalela uAbhiya, noAtayi, noZiza, noShelomiti.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 11