Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Izikronike 10:15-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Akabaphulaphulanga ke abantu ukumkani; ngokuba esi siphendu sibe siphuma kuThixo, ukuze uYehova alimise ilizwi lakhe, abelithethile ngoAhiya waseShilo kuYarobheham unyana kaNebhati.

16. Akùbona ke onke amaSirayeli ukuba ukumkani akawaphulaphuli, abantu bambuyisela ukumkani ilizwi elithi, Sinasabelo sini na kuDavide? Asinalifa kunyana kaYese; elowo makaye ententeni yakhe, maSirayeli; zíkhangelele ngoku indlu yakho, Davide. Aya ezintenteni zawo ke amaSirayeli onke.

17. Ke oonyana bakaSirayeli, ababehleli emizini yakwaYuda, uRehabheham waba ngukumkani kubo.

18. Ukumkani uRehabheham wathuma uAdoram, obephethe abafakwa uviko. Besuka oonyana bakaSirayeli, bamxuluba ngamatye, wafa. Ukumkani uRehabheham wakhawuleza waya kukhwela enqwelweni yakhe, ukuba asabele eYerusalem.

19. Akreqa ke amaSirayeli endlwini kaDavide, unanamhla.

funda isahluko epheleleyo 2 Izikronike 10