Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 4:5-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Kwathi, xa ifikayo ityeya yomnqophiso kaYehova eminqubeni, aduma kakhulu onke amaSirayeli, umhlaba wathi ndi.

6. Asiva amaFilisti isandi sokuduma kwawo, athi, Sesani na esi sandi sokuduma kungaka eminqubeni yamaHebhere? Azi ke ukuba ityeya kaYehova ifikile eminqubeni.

7. Oyika amaFilisti, kuba ebesithi, UThixo ufikile eminqubeni. Athi, Yeha ke thina! Ngokuba akuzanga kube nje ngaphambili.

8. Yeha ke thina! Ngubani na oya kusihlangula esandleni saba thixo babungangamsha bungaka? Ngaba thixo aba babulála amaYiputa ngezibetho zonke entlango.

9. Yomelelani, nibe ngamadoda, nina maFilisti, hleze nikhonze kumaHebhere, njengokuba ekhonze kuni wona. Yibani ngamadoda, nilwe.

10. Alwa ke amaFilisti, awabulala amaSirayeli; asaba ke wona, waya elowo ententeni yakhe; abulawa kakhulu kunene. Kwawa kumaSirayeli amawaka angamashumi amathathu angumqikela.

11. Kwathinjwa netyeya yomnqophiso kaThixo; bafa oonyana bobabini bakaEli, uHofeni noPinehasi.

12. Kwabaleka indoda yakwaBhenjamin, ivela emkhosini, yafika eShilo kwangaloo mini, iingubo zayo zikrazukile, inomhlaba entloko.

13. Yafika; nanko uEli ehleli esihlalweni ecaleni kwendlela, ebonisela; ngokuba ibigubha intliziyo yakhe ngenxa yetyeya kaThixo. Yafika indoda leyo, yawuxelela umzi; wasitsho isililo wonke umzi.

14. Waliva uEli izwi lesililo, wathi, Lelani na eli lizwi lale ntlokoma? Indoda leyo yakhawuleza, yeza yamxelela uEli.

15. Ke kaloku uEli ebeminyaka imashumi asithoba anesibhozo ezelwe, amehlo akhe enorhatyazo, engenakubona.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 4