Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 4:11-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Kwathinjwa netyeya yomnqophiso kaThixo; bafa oonyana bobabini bakaEli, uHofeni noPinehasi.

12. Kwabaleka indoda yakwaBhenjamin, ivela emkhosini, yafika eShilo kwangaloo mini, iingubo zayo zikrazukile, inomhlaba entloko.

13. Yafika; nanko uEli ehleli esihlalweni ecaleni kwendlela, ebonisela; ngokuba ibigubha intliziyo yakhe ngenxa yetyeya kaThixo. Yafika indoda leyo, yawuxelela umzi; wasitsho isililo wonke umzi.

14. Waliva uEli izwi lesililo, wathi, Lelani na eli lizwi lale ntlokoma? Indoda leyo yakhawuleza, yeza yamxelela uEli.

15. Ke kaloku uEli ebeminyaka imashumi asithoba anesibhozo ezelwe, amehlo akhe enorhatyazo, engenakubona.

16. Yathi indoda leyo kuEli, Ndingulo uvela emkhosini mna, ndisabé emkhosini namhlanje. Wathi yena, Kuhlé ntoni na, nyana wam?

17. Waphendula umbiki, wathi, Asabile amaSirayeli phambi kwamaFilisti, kananjalo babulewe kakhulu abantu, kananjalo oonyana bakho bobabini bafile, ooHofeni noPinehasi; ityeya kaThixo ithinjiwe.

18. Kwathi, akukhankanya ityeya kaThixo, wawa esihlalweni sakhe, eqethuka ngomva ngasecaleni kwesango, waphuka ilungu lentamo, wafa; ngokuba indoda leyo ibiselilixhego; inzima. Yayiwalawula amaSirayeli iminyaka emashumi mané.

19. Ke kaloku umolokazana wayo, umkaPinehasi, ebemithi, eza kuzala. Wathi akuziva iindaba zokuthinjwa kwetyeya kaThixo, nezokufa koyise wendoda nokwendoda yakhe, waguqa, wazala; ngokuba yamfikela inimba.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 4