Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 29:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ayihlanganisa ke amaFilisti yonke imikhosi yawo eAfeki. AmaSirayeli amisa ngasemthonjeni oseYizereli.

2. Izikhulu zamaFilisti zadlula zinamakhulu, zinamawaka; uDavide namadoda akhe bedlula ngasemva noAkishe.

3. Bathi abathetheli bamaFilisti, Ayini na la maHebhere apha? Wathi uAkishe kubathetheli bamaFilisti, Lo asinguye na uDavide umkhonzi kaSawule, ukumkani wamaSirayeli, oseleneemini neminyaka enam? Andifumananga mposiso kuye, kuthabathela kumhla awaphamba ngawo, kwezisa kule mini.

4. Abathetheli bamaFilisti baba noburhalarhume ngakuye, bathi kuye abathetheli bamaFilisti, Yibuyise loo ndoda, ibuyele endaweni yayo, apho wayiyalela khona, ingehli nathi iye ekulweni, hleze isichase ekulweni. Angázikholisisa ngantoni na lo enkosini yakhe? Àkungeentloko zala madoda yini na?

5. Lo asinguye na uDavide, ababevuma ngaye ekungqungqeni, besithi,USawule ubulele amawaka akhe,UDavide ubulele amawaka akhe angamashumi?

6. UAkishe wambiza uDavide, wathi kuye, Ehleli nje uYehova, ùthe tye wena; kùhle emehlweni am ukuphuma kwakho nokungena kwakho nam emkhosini; ngokuba andifumananga bubi kuwe, kuthabathela kumhla wokuza kwakho kum, kuzise kule mini; ke emehlweni ezikhulu akumhle.

7. Ke ngoko buya, uhambe unoxolo, ungenzi bubi emehlweni ezikhulu zamaFilisti.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 29