Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 26:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Beza abaseZifi kuSawule eGibhela, bathi, UDavide àkazifihlé endulini yeHakila, ekhangelene nenkangala, yini na?

2. Wesuka uSawule, wehla waya entlango yeZifi, enamadoda angamawaka amathathu ahleliweyo akwaSirayeli, eya kufuna uDavide entlango yaseZifi.

3. USawule wamisa endulini yeHakila, ekhangelene nenkangala, ngasendleleni. Ke uDavide wayehleli entlango; wabona ukuba uSawule uyamlandela entlango.

4. UDavide wasusa iintlola, wazi ngazo ukuba uSawule uzile okunene.

5. Wesuka uDavide, waya kuloo ndawo ebemise kuyo uSawule. Wayibona uDavide indawo alele kuyo uSawule, noAbhinere unyana kaNere, umthetheli womkhosi wakhe; uSawule elele ngaphakathi kothango lweenqwelo zokulwa, abantu bemise iintente ngeenxa zonke kuye.

6. Waphendula uDavide, wathi kuAhimeleki umHeti, nakuAbhishayi, unyana kaTseruya, umzalwana kaYowabhi, Ngubani na oya kuhla nam aye kuSawule empini? Wathi uAbhishayi, Mna ndohla nawe.

7. Waya uDavide noAbhishayi ebantwini ebusuku. Nanko uSawule elele ubuthongo ngaphakathi kothango lweenqwelo zokulwa, igxunyekiwe intshuntshe yakhe emhlabeni ngasentlokweni yakhe; ke uAbhinere nabantu bakhe belele ngeenxa zonke kuye.

8. Wathi uAbhishayi kuDavide, UThixo ulunikele namhla utshaba lwakho esandleni sakho; kaloku makhe ndimqhame nomhlaba ngentshuntshe ngasihlandlo sinye, ndingenzi zibe zibini kuye.

9. Wathi uDavide kuAbhishayi, Musa ukumbulala; ngokuba ngubani na ongasa isandla kumthanjiswa kaYehova, aze abe msulwa?

10. Wathi uDavide, Ehleli nje uYehova, ukuba akathanga uYehova ambulale, mhlawumbi kwafika imini yakhe wafa, mhlawumbi wehla waya emfazweni wabulawa:

11. makube lee kum ngenxa kaYehova ukukha ndise isandla sam kumthanjiswa kaYehova. Khawuthabathe kaloku intshuntshe engasentlokweni yakhe, neselwa lamanzi, sihambe.

12. Wayithabatha ke uDavide intshuntshe, neselwa lamanzi, engasentlokweni kaSawule; bemka, kungaboni mntu, kungazi mntu, kungavukanga mntu; ngokuba bonke babelele: kuba babewelwe bubuthongo obukhulu bukaYehova.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 26