Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 25:16-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. aba ludonga kuthi nasebusuku nasemini, yonke imihla ebe sinawo, sisalusa impahla emfutshane.

17. Yazi ngoko, uyibone into oyenzayo; ngokuba kugqitywe kwelobubi ngakwinkosi yethu, nangakwindlu yayo yonke; ilitshijolo, akusenakuthethwa nayo.

18. Wakhawuleza ke uAbhigali, wathabatha amakhulu amabini ezonka, neentsuba zambini zewayini, neegusha zantlanu sezihlinziwe, neeseha* zantlanu zamakhweba, zalikhulu izicumba zeerasintyisi, zamakhulu mabini izicumba zamakhiwane, wazibeka emaesileni.

19. Wathi kumadodana akwakhe, Gqithelani phambi kwam; niyabona, ndiyanilandela. Akayixelela indoda yakhe uNabhali.

20. Kwathi, ekhwele eesileni, esihla esitheni lentaba, nabo ooDavide namadoda akhe besihla, bemkhawulela, waqubisana nabo.

21. Ke kaloku uDavide ebethe, Ndifumane ndazixokisa ngokwam, ndazigcina zonke izinto zaló entlango, akwalahleka nto entweni yonke eyeyakhe; wandibuyisela ububi esikhundleni sokulungileyo.

22. UThixo makenjenje kwiintshaba zikaDavide, aqokele ukwenjenje, ukuba kude kwasa ngomso ndisalisé, kubo bonke anabo, into eyindoda.

23. UAbhigali wambona uDavide, wangxama, wehla e-esileni, wawa ngobuso phambi koDavide, waqubuda emhlabeni.

24. Wawa ke ezinyaweni zakhe, wathi, Mabube kum, kum lo, nkosi yam, ubugwenza obu. Makhe athethe umkhonzazana wakho ezindlebeni zakho, uwaphulaphule amazwi omkhonzazana wakho.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 25