Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 2:8-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Uvusa eluthulini abasweleyo,Aphakamise amahlwempu ezaleni,Ukuba awahlalise namanene;Uwabela ilifa elisihlalo sozuko;Ngokuba zezika Yehova iintsika zehlabathi,Walimisa phezu kwazo elimiweyo.

9. Iinyawo zabàkhe benceba uya kuzigcina,Abangendawo badake ebumnyameni;Ngokuba indoda ayeyisi ngamandla.

10. UYehova yena — baya kuqhiphuka umbilini ababambana naye.Uya kududumisa phezu kwabo emazulwini;UYehova uya kuzigweba iziphelo zehlabathi,Amnike ukumkani wakhe amandla,Aluphakamise uphondo lomthanjiswa wakhe.

11. Wesuka uElikana, waya endlwini yakhe; ke umntwana ebelungiselela kuYehova phambi kukaEli umbingeleli.

12. Ke kaloku oonyana bakaEli babengamatshijolo, bengamazi uYehova.

13. Kwanesilùnga sababingeleli esiphuma ebantwini, akubon' ukuba umntu ubingelela umbingelelo, kwaza kweza umfana wakwambingeleli, xa iphekiweyo inyama, enefolokhwe emazinyo mathathu esandleni sakhe,

14. wahlaba nokuba kuselukhambeni, nokuba kuseketileni, nokuba kukungxawu, nokuba kusembizeni: ibisithi yonke into ephume nefolokhwe azithabathele umbingeleli kwangayo. Benjenjalo kumaSirayeli onke abesiza eShilo apho.

15. Kananjalo kungekaqhunyiselwa ngamanqatha, ubesithi umfana wakwambingeleli, eze kumntu obingelelayo, athi, Ethe inyama, yoselwe umbingeleli; kuba akayi kwamkela nyama iphekiweyo kuwe, mayibe yekrwada.

16. Athi umntu lowo akuthi kuye, Kuya kuqhunyiselwa inene ngamanqatha kwangoku, wandule ke uzithabathele, njengoko umphefumlo wakho unqwenela ngako: athi yena, Hayi, ndinike ngoku; ukuba akundiniki, ndoyithabatha ngamandla.

17. Saba sikhulu kunene isono samadodana phambi koYehova; ngokuba abantu bawudela umnikelo kaYehova.

18. Waye uSamuweli elungiselela phambi koYehova, eyinkwenkwe ebhinqe iefodi* yelinen emhlophe.

19. Unina ubemenzela ingubo yokwaleka, anyuke nayo, ayise kuye iminyaka ngeminyaka ekunyukeni kwakhe nendoda yakhe, ukuza kubingelela umbingelelo womnyaka.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 2