Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 2:8-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Uvusa eluthulini abasweleyo,Aphakamise amahlwempu ezaleni,Ukuba awahlalise namanene;Uwabela ilifa elisihlalo sozuko;Ngokuba zezika Yehova iintsika zehlabathi,Walimisa phezu kwazo elimiweyo.

9. Iinyawo zabàkhe benceba uya kuzigcina,Abangendawo badake ebumnyameni;Ngokuba indoda ayeyisi ngamandla.

10. UYehova yena — baya kuqhiphuka umbilini ababambana naye.Uya kududumisa phezu kwabo emazulwini;UYehova uya kuzigweba iziphelo zehlabathi,Amnike ukumkani wakhe amandla,Aluphakamise uphondo lomthanjiswa wakhe.

11. Wesuka uElikana, waya endlwini yakhe; ke umntwana ebelungiselela kuYehova phambi kukaEli umbingeleli.

12. Ke kaloku oonyana bakaEli babengamatshijolo, bengamazi uYehova.

13. Kwanesilùnga sababingeleli esiphuma ebantwini, akubon' ukuba umntu ubingelela umbingelelo, kwaza kweza umfana wakwambingeleli, xa iphekiweyo inyama, enefolokhwe emazinyo mathathu esandleni sakhe,

14. wahlaba nokuba kuselukhambeni, nokuba kuseketileni, nokuba kukungxawu, nokuba kusembizeni: ibisithi yonke into ephume nefolokhwe azithabathele umbingeleli kwangayo. Benjenjalo kumaSirayeli onke abesiza eShilo apho.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 2