Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 18:5-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Waphuma uDavide, waya apho wathunywa khona nguSawule, wenza ngengqiqo. USawule wammisa phezu kwamadoda okulwa; walunga emehlweni abantu bonke, nasemehlweni abakhonzi bakaSawule.

6. Kwathi ekufikeni kwabo, ekubuyeni kukaDavide ekumbulaleni umFilisti, baphuma abafazi emizini yonke yakwaSirayeli, bevuma ingoma, bengqungqa, besiza kumkhawulela uSawule ukumkani ngeengqongqo, nangovuyo, nangeetriyangile.*

7. Bavuma abafazi abaqambayo, bathi,USawule ubulele amawaka akhe,UDavide ubulele amawaka akhe angamashumi.

8. USawule wavutha kunene ngumsindo, lalibi emehlweni akhe elo lizwi; wathi, UDavide bamniké amawaka alishumi, mna bandinike amawaka nje; sekusele ukuthi ubukumkani bube bobakhe.

9. USawule wahlala emgxeleshile uDavide, kususela kuloo mini.

10. Kwathi ngengomso, umoya ombi kaThixo wamfikela ngamandla uSawule, wageza endlwini; uDavide ebetha uhadi ngesandla sakhe njengemihla; intshuntshe isesandleni sikaSawule.

11. USawule wabinza ngentshuntshe, wathi, Ndiya kumqhama nodonga uDavide. UDavide waphepha izihlandlo zazibini phambi kwakhe.

12. USawule wamoyika uDavide, ngokuba uYehova ebenaye, emkile kuSawule.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 18