USawule wavutha kunene ngumsindo, lalibi emehlweni akhe elo lizwi; wathi, UDavide bamniké amawaka alishumi, mna bandinike amawaka nje; sekusele ukuthi ubukumkani bube bobakhe.