28. Wakubona uSawule, wakwazi ukuba uYehova ebenoDavide. Umikali intombi kaSawule ubemthanda.
29. USawule wamoyika okunye uDavide; uSawule waba lutshaba kuDavide imihla yonke.
30. Baphuma abathetheli bamaFilisti; kwathi, bakuphuma, uDavide wenza ngengqiqo ngaphezu kwabakhonzi bonke bakaSawule. Lanconywa kunene igama lakhe.