Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 12:11-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. UYehova wathuma ooYerubhahali, noBhedan, noYifeta, noSamuweli, wanihlangula esandleni seentshaba zenu ngeenxa zonke, nahlala nonwabile.

12. Kwathi nakubona uNahashe, ukumkani woonyana baka-Amon, esiza kulwa nani, nathi kum, Hayi, masilawulwe ngukumkani, uYehova uThixo wenu engukumkani wenu.

13. Nanko ke ukumkani enimnyulileyo, enimbizileyo; yabonani, uYehova unimisele ukumkani.

14. Anaba beniya kumoyika uYehova, nimkhonze, niliphulaphule ilizwi lakhe, ningawuphikisi umlomo kaYehova, nithane mbende noYehova uThixo wenu, nina nokumkani onilawulayo, ukuze kulunge.

15. Ke ukuba anithanga niliphulaphule izwi likaYehova, ukuba nithe nawuphikisa umlomo kaYehova, isandla sikaYehova sonichasa, njengokuba sachasa ooyihlo.

16. Nangoku yimani, niyibone le nto inkulu, ayenzayo uYehova phambi kwenu.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 12