Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 10:2-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Ekumkeni kwakho kum namhla, ùya kufumana amadoda amabini ngasengcwabeni likaRakeli, emdeni wakwaBhenjamin, eTseletsa; aya kuthi kuwe, Zifunyenwe iimazi zamaesile obuye kuzifuna. Yabona, úkuyekile uyihlo ukuthetha ngeemazi zamaesile ezo; únesithukuthezi ngani, esithi, Ndiya kuthini na ngonyana wam.

3. Ùgqithile apho, wòqhubela phambili, ufíke kumoki* weTabhore, uhlangane khona namadoda amathathu enyuka esiya kuThixo eBheteli, enye ithwele amatakane amathathu, enye ithwele iintenda zezonka ezithathu, enye ithwele intsuba yewayini.

4. Okubuza ukuphila kwakho, akunike izonka ezibini; uzithabathe ezandleni zawo.

5. Emveni koko ùya kufika eGibheha kaThixo, apho kukhoyo ikampu yamaFilisti; kuthi, xa ufikileyo emzini apho, uthane nqiphu negqiza labaprofeti, lisihla livela esigangeni, phambi kwalo ingumrhubhe, nengqongqo, nogwali, nohadi, beprofeta.

6. UMoya kaThixo wokufikela ngamandla, uprofete ndawonye nabo, uguquke ube mntu wumbi.

7. Kothi, xa ithe yafika kuwe loo miqondiso, uzenzele njengoko siya kufumana ngako isandla sakho; ngokuba uThixo unawe;

8. uhle uye phambi kwam eGiligali. Yabona, ndiyehla, ndiza kuwe, ukuze ndinyuse amadini anyukayo, ndibingelele imibingelelo yoxolo. Wòlinda imihla esixhenxe ndide ndize kuwe, ndikwazise oko uya kukwenza.

9. Wathi uSawule, akuthi khwitshi ukuba emke kuSamuweli, uThixo wamguqula, wanantliziyo yimbi. Yafika yonke loo miqondiso kwangayo loo mini.

10. Bafika eGibheha apho, nalo igqiza labaprofeti limkhawulela; wamfikela ngamandla uMoya kaThixo, waprofeta phakathi kwabo.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 10