Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 1:20-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Kwathi ukufezeka kwemihla, wamitha uHana, wazala unyana, wamthiya igama elinguSamuweli,* esithi, Kungokuba ndamcelayo kuYehova.

21. Yenyuka indoda leyo inguElikana nendlu yayo yonke, ukuba ibingelele kuYehova umbingelelo womnyaka, inesibhambathiso sayo.

22. Ke yena uHana akanyukanga; ngokuba wathi kwindoda yakhe, Kokha kulunyulwe umntwana, ndandule ke ukumzisa abonakale phambi koYehova, ahlale khona kude kuse ephakadeni.

23. Wathi uElikana indoda yakhe kuye, Yenza okulungileyo emehlweni akho; hlala ude umlumle; ke uYehova makalimise ilizwi lakhe. Wahlala ke umfazi, wanyisa unyana wakhe wada wamlumla.

24. Wenyuka naye, akuba emlumle, eneenkunzi ezintathu ezintsha, ne-efa* yomgubo, nentsuba yewayini, wamsa endlwini kaYehova eShilo, umntwana lowo esemncinane.

25. Bayixhela inkunzi entsha, bamsa umntwana kuEli.

26. Wathi, Camagu, nkosi yam! Úhleli nje umphefumlo wakho, nkosi yam, ndingulaa mfazi wayemi kuwe apha, ethandaza kuYehova.

27. Ndandithandazela lo mntwana; úndinikile ke uYehova isicelo sam endandisicela kuye;

28. nam ndiya kumenza oceliweyo kuYehova; yonke imihla yokubakho kwakhe, woba ngoceliweyo kuYehova. Wamnqula khona uYehova.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 1