Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 1:12-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Kwathi, ekuthandazeni kwakhe uzungu phambi koYehova, uEli wawugqala umlomo wakhe.

13. Ke yena uHana wayethethela entliziyweni yakhe, kubebezela imilebe yomlomo wakhe yodwa, ilizwi lakhe lingavakali; uEli waba uyanxila.

14. Wathi uEli kuye, Koda kube nini na unxila? Yisuse iwayini yakho kuwe.

15. Waphendula uHana, wathi, Hayi, nkosi yam, ndingumfazi omoya unobunzima, andiselanga wayini nasiselo sinxilisayo; ndiphalaza umphefumlo wam phambi koYehova.

16. Musa ukumbalela umkhonzazana wakho ekuthini yintombi yetshijolo; ngokuba unangoku ndithethe ngobuninzi bokukhalaza kwam nokuqu njiswa kwam.

17. Waphendula uEli, wathi, Hamba unoxolo; uThixo kaSirayeli makakunike isicelo sakho osicelileyo kuye.

18. Wathi ke yena, Umkhonzazana wakho lo makababalwe nguwe.Wahamba indlela yakhe umfazi lowo, wadla, ababa samatsha ubuso bakhe.

19. Bavuka kusasa ngengomso, baqubuda phambi koYehova, babuya, bangena endlwini yabo eRama.UElikana wamazi uHana umkakhe; uYehova wamkhumbula.

20. Kwathi ukufezeka kwemihla, wamitha uHana, wazala unyana, wamthiya igama elinguSamuweli,* esithi, Kungokuba ndamcelayo kuYehova.

21. Yenyuka indoda leyo inguElikana nendlu yayo yonke, ukuba ibingelele kuYehova umbingelelo womnyaka, inesibhambathiso sayo.

22. Ke yena uHana akanyukanga; ngokuba wathi kwindoda yakhe, Kokha kulunyulwe umntwana, ndandule ke ukumzisa abonakale phambi koYehova, ahlale khona kude kuse ephakadeni.

23. Wathi uElikana indoda yakhe kuye, Yenza okulungileyo emehlweni akho; hlala ude umlumle; ke uYehova makalimise ilizwi lakhe. Wahlala ke umfazi, wanyisa unyana wakhe wada wamlumla.

24. Wenyuka naye, akuba emlumle, eneenkunzi ezintathu ezintsha, ne-efa* yomgubo, nentsuba yewayini, wamsa endlwini kaYehova eShilo, umntwana lowo esemncinane.

25. Bayixhela inkunzi entsha, bamsa umntwana kuEli.

26. Wathi, Camagu, nkosi yam! Úhleli nje umphefumlo wakho, nkosi yam, ndingulaa mfazi wayemi kuwe apha, ethandaza kuYehova.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 1