Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 8:19-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. noko ke akusayi kuyakha indlu wena: unyana wakho ophuma esinqeni sakho, nguye oya kulakhela indlu igama lam.

20. Úlimisile ke uYehova ilizwi lakhe awalithethayo; ndivelile endaweni kaDavide ubawo, ndahlala etroneni yakwaSirayeli, njengoko wakuthethayo uYehova; ndalakhela indlu igama likaYehova uThixo kaSirayeli.

21. Ndayimisela khona indawo yetyeya, apho ukhona umnqophiso kaYehova, awawenzayo nobawo bethu ekubakhupheni kwakhe ezweni laseYiputa.

22. Wema ke uSolomon phambi kwesibingelelo sikaYehova, ebusweni bebandla lonke lamaSirayeli, wazolulela ezulwini izandla zakhe.

23. Wathi: Yehova Thixo kaSirayeli, akukho unjengawe, ezulwini phezulu nasemhlabeni phantsi, ubagcinelayo umnqophiso nenceba abakhonzi bakho abahamba phambi kwakho ngentliziyo yabo yonke;

24. umgcineleyo umkhonzi wakho uDavide ubawo oko wakuthethayo kuye; wakuthetha ngomlomo wakho, wakuzalisa ngesandla sakho, njengoko kunjalo namhla.

25. Kaloku, Yehova, Thixo kaSirayeli, mgcinele umkhonzi wakho uDavide ubawo oko wakuthethayo kuye, usithi, Ebusweni bam akuyi kunqunyukelwa ndoda yakuhlala etroneni yakwaSirayeli; ukuba kodwa bathe oonyana bakho bayigcina indlela yabo, bahamba phambi kwam, njengoko uhambé phambi kwam wena.

26. Kaloku, Thixo kaSirayeli, makanyaniseke amazwi akho, owawathethayo kumkhonzi wakho uDavide ubawo.

27. Gxebe uThixo angáde ahlale emhlabeni na? Yabona, amazulu, amazulu awo amazulu, akakulingene; hina ke, yona le ndlu ndiyakhileyo!

28. Noko ke kunonelele ukuthandaza komkhonzi wakho, nokutarhuzisa kwakhe, Yehova Thixo wam, ukuphulaphule ukumemelela nokuthandaza, athandaza ngako umkhonzi wakho phambi kwakho namhla;

29. ukuba amehlo akho akhangèle kule ndlu ubusuku nemini, kwindawo othe, Liya kuba kuyo igama lam; uphulaphule umthandazo athandaza ngawo umkhonzi wakho kule ndawo.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 8