Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 6:14-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Wayakha ke uSolomon indlu, wayigqiba.

15. Wazakha iindonga zendlu ngaphakathi ngeeplanga zemisedare, ethabathela emgangathweni wesa emiqadini yophahla; waleka ngemithi ngaphakathi, wawaleka umgangatho wendlu ngeeplanga zemisipres.*

16. Wákha iikubhite ezimashumi mabini, ethabathela emaphundwini endlu, ngeeplanga zemisedare, ethabathela emgangathweni wesa emiqadini; wazakhela yona ngaphakathi indawo yezihlabo, ingcwele kangcwele.

17. Yayingamashumi amané eekubhite indlu leyo ilibhotwe elingaphambili.

18. Yayimisedare kule ndlu ngaphakathi, ilukrolo lwamathangazana neentyantyambo ezithe bhenqe; yangumsedare yonke; akwabonakala litye.

19. Walungisa indawo yezihlabo endlwini ngaphakathi, ukuba ibekwe khona ityeya yomnqophiso kaYehova.

20. Umphakathi wendawo yezihlabo ubuziikubhite ezimashumi mabini ubude bawo, uziikhubhite ezimashumi mabini ububanzi bawo, uziikubhite ezimashumi mabini ukuphakama kwawo; wawaleka ngegolide ethe shinyi, wasaleka nesibingelelo ngomsedare.

21. Wayaléka ke uSolomon indlu ngaphakathi ngegolide ethe shinyi, wavala ngemixokelelwane yegolide ngaphambi kwendawo yezihlabo, wasaleka ngegolide.

22. Wayaléka ngegolide yonke ke indlu, wada wayigqiba yonke indlu; nesibingelelo sonke esibe sisendaweni yezihlabo wasaleka ngegolide.

23. Endaweni yezihlabo wenza iikerubhi* zambini ngeminquma yasendle: zalishumi leekubhite ukuphakama kwazo.

24. Libe liziikubhite ezintlanu elinye iphiko lekerubhi, libe liziikubhite ezintlanu elesibini iphiko lekerubhi: zaba ziikubhite ezilishumi, zithabathela encamini yelinye iphiko layo, zise encamini yelinye iphiko layo.

25. Ibiziikubhite ezilishumi neyesibini ikerubhi: ubumnye umlinganiso, kukunye ukubonakala kweekerubhi zombini.

26. Ukuphakama kwenye ikerubhi bekuziikubhite ezilishumi, bekunjalo nakweyesibini ikerubhi.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 6