Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 4:21-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. USolomon ubelawula ezikumkanini zonke, ethabathela kuwo uMlambo,* naselizweni lamaFilisti, wesa nasemdeni weYiputa, zizisa iminikelo, zimkhonza uSolomon yonke imihla yobomi bakhe.

22. Ke ukudla kukaSolomon kwamininye bekungamashumi omathathu eekore* zomgubo ocoliweyo, namashumi omathandathu eekore zomgubo,

23. ishumi leenkomo ezityetyisiweyo, namashumi omabini eenkomo zasemadlelweni, nekhulu lempahla emfutshane, ewodwa amaxhama, namabhadi, namanqa, neenkuku ezityetyisiweyo.

24. Ngokuba ubenobukhosi kulo lonke eliphesheya kwawo uMlambo, lithabathela eTifesa lesa eGaza, kookumkani bonke abaphesheya koMlambo. Wayenoxolo ngeenxa zonke kuye.

25. Ahlala amaYuda namaSirayeli ekholosile, elowo ehleli phantsi komdiliya wakhe naphantsi komkhiwane wakhe, ethabathela kwaDan esa eBher-shebha, yonke imihla kaSolomon.

26. USolomon wayenamawaka amané emikhumbi yezitali zamahashe eenqwelo zakhe, neshumi elinamabini lamawaka amahashe akhwelwayo.

27. Abo bongameli babemxhasa ukumkani uSolomon, nabo bonke abasondela etafileni yokumkani uSolomon, elowo exhasa ngenyanga yakhe; bekungasweleki nto.

28. Irhasi, nomququ wamahashe, nowamahashe aziimbaleki, babeyizisa endaweni apho ibifanele ukuba khona, elowo njengokumiselwa kwakhe.

29. UThixo wamnika ke uSolomon ubulumko nengqondo ngokuninzi kunene, nobubanzi bentliziyo, njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle.

30. Ubulumko bukaSolomon bebubuninzi ngaphezu kobulumko boonyana bonke basempumalanga, naphezu kobulumko bonke bamaYiputa.

31. Ubelumkile ngaphezu kwabantu bonke, ngaphezu koEtan umEzera, noHeman, noKalekole, noDarda, oonyana bakaMaholi. Igama lakhe belisezintlangeni zonke ngeenxa zonke.

32. Wathetha amawaka amathathu emizekeliso; zathi neengoma zakhe zaliwaka elinantlanu.

33. Wathetha ngemithi, ethabathela kumsedare* waseLebhanon, ase nakwihisope* ephuma eludongeni; wathetha nangeenkomo, nangeentaka, nangezinambuzane, nangeentlanzi.

34. Baye bevela ezintlangeni zonke, besiza kuva ubulumko bukaSolomon bevela kookumkani bonke bomhlaba, ababebuvile ubulumko bakhe.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 4