Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 22:43-53 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

43. Wahamba ngeendlela zonke zika-Asa uyise, akatyeka kuzo; esenza okuthe tye emehlweni kaYehova; kodwa izigánga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni.

44. UYehoshafati wahlalelana ngoxolo nokumkani wakwaSirayeli.

45. Ezinye izinto zikaYehoshafati, nobugorha bakhe awabenzayo, nokulwa kwakhe, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

46. Amasalela amang'awu, awasalayo ngemihla kayise uAsa, wawatshayela ezweni.

47. Bekungekho kumkani oko kwaEdom. Bekulawula ibamba.

48. UYehoshafti wenza iinqanawa zaseTarshishe zokuya kuthabatha igolide kwaOfire. Àzaya, ngokuba iinqanawa ezo zaphuka e-Etsiyon-gebhere.

49. Waza wathi uAhaziya, unyana ka-Ahabhi, kuYehoshafati, Abakhonzi bam mabahambe nabakhonzi bakho ngeenqanawa.

50. Àkavuma uYehoshafati. UYehoshafati walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide uyise. UYehoram unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

51. UAhaziya, unyana ka-Ahabhi, waba ngukumkani kumaSirayeli kwaSamari ngomnyaka weshumi elinesixhenxe kaYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, waba neminyaka emibini engukumkani kwaSirayeli.

52. Wenza okubi emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela kayise, nangendlela yonina, nangendlela kaYarobheham unyana kaNebhati, owawonisayo amaSirayeli.

53. Wakhonza uBhahali,* waqubuda kuye, wamqumbisa uYehova uThixo kaSirayeli, njengako konke awakwenzayo uyise.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 22