Wahamba ngeendlela zonke zika-Asa uyise, akatyeka kuzo; esenza okuthe tye emehlweni kaYehova; kodwa izigánga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni.