Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 22:4-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Wathi kuYehoshafati, Wòhamba na nam, silwe neRamoti yaseGiliyadi? Wathi uYehoshafati kukumkani wakwaSirayeli, Ndinjengawe; abantu bam banjengabantu bakho, amahashe am anjengamahashe akho.

5. Wathi uYehoshafati kukumkani wakwaSirayeli, Khawubuze ilizwi likaYehova namhla.

6. Wabahlanganisa ke ukumkani wakwaSirayeli abaprofeti, bekumakhulu amané amadoda, wathi kubo, Ndíye kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, ndiyeke, kusini na? Bathi, Nyuka; iNkosi yoyinikela esandleni sokumkani.

7. Wathi uYehoshafati, Akusekho mprofeti kaYehova na apha, sibuzise kuye?

8. Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Kusekho indoda enye, esingabuzisa ngayo kuYehova; ke mna ndiyithiyile; ngokuba ayiprofeti okulungileyo ngam, iprofeta okubi: nguMikaya, unyana kaImla. Wathi uYehoshafati, Makangatsho ukumkani.

9. Waza ukumkani wakwaSirayeli wabiza umbusi, wathi, Khawulezisa uMikaya unyana kaImla, eze apha.

10. Ke ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, wahlala elowo etroneni yakhe, evethe iingubo zakhe, esandéni, ekungeneni esangweni lakwaSamari; bonke abaprofeti beprofeta phambi kwabo.

11. UZedekiya, unyana kaKenahana, wazenzela iimpondo zesinyithi, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Ùya kuwangqula ngazo ezi ama-Aram, ude uwagqibe.

12. Bonke abaprofeti benjenjalo ukuprofeta, besithi, Nyuka, uye eRamoti yaseGiliyadi, ube nempumelelo; uYehova uya kuyinikela esandleni sokumkani.

13. Ke umthunywa, obeye kubiza uMikaya, wathetha kuye esithi, Khawubone, amazwi abaprofeti athetha okuhle ngamlomo mnye kukumkani; izwi lakho makhe libe njengelizwi labo, uthethe okuhle.

14. Wathi uMikaya, Ehleli nje uYehova, athe wakuthetha kum uYehova, ndothetha khona.

15. Wafika kukumkani. Wathi ukumkani kuye, Mikaya, síye na eRamoti yaseGiliyadi ukuba silwe, siyeke, kusini na? Wathi kuye, Nyuka, ube nempumelelo; uYehova uya kuyinikela esandleni sokumkani.

16. Wathi ukumkani kuye, Makube zizihlandlo ezingaphi na ndikufungisa, ukuba ungandixeleli into engeyiyo inyaniso egameni likaYehova?

17. Wathi yena, Ndiboné amaSirayeli onke elusali ezintabeni, njengempahla emfutshane engenamalusi. Wathi uYehova, Aba àbanankosi; mababuyele elowo endlwini yakhe enoxolo.

18. Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Ndibe ndingatshongo na, ukuthi kuwe, akayi kuprofeta okuhle ngam, woprofeta ububi bodwa?

19. Wathi yena, Ngako oko, live ilizwi likaYehova: Ndimbonile uYehova ehleli etroneni yakhe, umi wonke umkhosi wasemazulwini ngakuye, ngasekunene kwakhe nangasekhohlo kwakhe;

20. wathi uYehova, Ngubani na oya kulukuhla uAhabhi, enyuke aye awe eRamoti yaseGiliyadi? Wenjenje lo ukuthetha, wenjenje lo ukuthetha.

21. Waphuma ke umoya, wema phambi koYehova, wathi, Ndomlukuhla mna. Wathi uYehova kuwo, Ngantoni na?

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 22