Wabahlanganisa ke ukumkani wakwaSirayeli abaprofeti, bekumakhulu amané amadoda, wathi kubo, Ndíye kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, ndiyeke, kusini na? Bathi, Nyuka; iNkosi yoyinikela esandleni sokumkani.