Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 22:38-50 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

38. Yahlanjwa inqwelo yokulwa echibini lakwaSamari; izinja zalixhapha igazi lakhe (ehlamba apho amahenyukazi), ngokwelizwi likaYehova abelithethile.

39. Ezinye izinto zika-Ahabhi, nako konke awakwenzayo, nendlu awayakhayo ngeempondo zeendlovu, nemizi yonke awayakhayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli? Walala uAhabhi kooyise;

40. uAhaziya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

41. UYehoshafati, unyana ka-Asa, waba ngukumkani kwaYuda ngomnyaka wesiné ka-Ahabhi ukumkani wakwaSirayeli.

42. UYehoshafati ube minyaka imashumi mathathu anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba neminyaka emashumi mabini anamihlanu engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguAzubha, intombi kaShilehi.

43. Wahamba ngeendlela zonke zika-Asa uyise, akatyeka kuzo; esenza okuthe tye emehlweni kaYehova; kodwa izigánga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni.

44. UYehoshafati wahlalelana ngoxolo nokumkani wakwaSirayeli.

45. Ezinye izinto zikaYehoshafati, nobugorha bakhe awabenzayo, nokulwa kwakhe, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

46. Amasalela amang'awu, awasalayo ngemihla kayise uAsa, wawatshayela ezweni.

47. Bekungekho kumkani oko kwaEdom. Bekulawula ibamba.

48. UYehoshafti wenza iinqanawa zaseTarshishe zokuya kuthabatha igolide kwaOfire. Àzaya, ngokuba iinqanawa ezo zaphuka e-Etsiyon-gebhere.

49. Waza wathi uAhaziya, unyana ka-Ahabhi, kuYehoshafati, Abakhonzi bam mabahambe nabakhonzi bakho ngeenqanawa.

50. Àkavuma uYehoshafati. UYehoshafati walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide uyise. UYehoram unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 22