Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 20:31-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Bathi kuye abakhonzi bakhe, Khawukhangele, sivile ukuba ookumkani bendlu yakwaSirayeli ngookumkani abanenceba. Makhe sibeke iingubo ezirhwexayo emanqeni, neentambo ezintlokweni zethu, siphume siye kukumkani wamaSirayeli; mhlawumbi wowusindisa umphefumlo wakho.

32. Babhinqa ke iingubo ezirhwexayo emanqeni, babeka iintambo ezintlokweni zabo, baya kukumkani wakwaSirayeli, bathi, Umkhonzi wakho uBhen-hadade uthi, Khawusindise umphefumlo wam. Wathi yena, Usaphilile na?

33. Ngumzalwana wam. Loo madoda ke athi lithamsanqa, angxamisa ukumrhwebesha, ukuba elo lelakhe na, athi, Ngumzalwana wakho uBhen-hadade. Wathi yena, Yiyani kumthabatha. Waphuma uBhen-hadade weza kuye; wamkhwelisa enqwelweni.

34. Wathi uBhen-hadade, kuye, Imizi awayithabathayo ubawo kuyihlo ndiya kuyibuyisa; uzenzele izitrato eDamasko, njengoko wazenzayo ubawo kwaSamari. Wathi uAhabhi, Ndiya kukundulula nalo mnqophiso. Wamenzela ke umnqophiso, wamndulula.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 20