Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 2:20-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Wathi, Ndicela nto-nye kuwe; ùze ungandilanduleli. Wathi ke ukumkani kuye, Cela, ma, ngokuba andiyi kukulandulela.

21. Wathi yena, UAbhishagi waseShunem makanikwe uAdoniya, umkhuluwa wakho, abe ngumkakhe.

22. Waphendula ukumkani uSolomon, wathi kunina, Yini na ukuba uAdoniya umcelele uAbhishagi waseShunem? Sewumcelela nobukumkani, ngokuba ungumkhuluwa wam; ucélele yena, noAbhiyatare umbingeleli, noYowabhi unyana kaTseruya.

23. Ukumkani uSolomon wafunga uYehova, wathi, Makenjenje uThixo kum, aqokele ukwenjenje, ukuba uAdoniya akalithethanga elo lizwi elahla umphefumlo wakhe.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 2