Waphendula ukumkani uSolomon, wathi kunina, Yini na ukuba uAdoniya umcelele uAbhishagi waseShunem? Sewumcelela nobukumkani, ngokuba ungumkhuluwa wam; ucélele yena, noAbhiyatare umbingeleli, noYowabhi unyana kaTseruya.